Genesis 27:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Rebeka watabata ingubo zika‐Esau, unyana wake omkulu, ezo zinqabileyo, ezibe zikuye endlwini, wamvatisa u‐Yakobi, unyana wake omncinane, ngazo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uRebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezintle ezibe bekuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi.