Genesis 27:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Yisake kunyana wake: Yinina lento, unxa̔mile kangaka nje ukuyifumana, nyana wam? Wayesiti: Kungokuba uyehova, utixo wako, eyifumananisene nam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uIsake kunyana wakhe, Yini na ukuba ukhawuleze ukuyifumana, nyana wam? Wathi: “Kungenxa yokuba uYehova uThixo wakho ewazizisa kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uIsake: “Wakhawuleza kangaka ukufumana inyamakazi? Wenze njani, mfo wam?” Uphendule wathi uYakobi: “Ndincedwe *nguNdikhoyo uThixo wakho, wayizisa ngqo kum.”