Genesis 27:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yisake wati ku‐Yakobi: Kausondele, ukuze ndikucofe, nyana wam! ukuba ukwa nguye unyana wam u‐Esau kusinina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uIsake kuYakobi, Sondela, ndikuchukumise, nyana wam, ndibone ukuba unguye na unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uIsake kuYakobi: “Khawusondele ke, mfo wam, ndikuve ngesandla ukuba unguye na unyana wam uEsawu.”