Genesis 27:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waya u‐Yakobi wasondela ku‐Yisake uyise, owamcofa, wati: Ilizwi lilizwi lika‐Yakobi, kanti izandla zizandla zika‐Esau.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYakobi waya kuIsake uyise; Wamphuthaphutha, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYakobi ke wasondela kuyise owamphampathayo ngezandla esithi: “Ilizwi lona lelikaYakobi, kodwa izandla zezikaEsawu.”