Genesis 27:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Yisondeze kum, ukuba nditye kwinyama yenyamakazi yonyana wam, ukuze umpefumlo wam ukutamsanqele. Waza wayisondeza kuye, watya ke; wamzisela neveyine, wasela ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Yizise kum ndidle inyama yenkomo yonyana wam, umphefumlo wam uyisikelele. Wamzisela, wadla; wamzisela iwayini, wasela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uIsake: “Zis' apha ke inyama leyo ndikhe nditye, mfo wam. Ndakuthi ke ndakugqiba ukutya, ndikusikelele.” Wamnika ke uYakobi, wamphathela newayini yokuthoba.