Genesis 27:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wangcangcazela u‐Yisake ngokungcangcazela okukulu kakulu, wati: Ngubanina ke lowo ozingeleyo inyama yenyamakazi, wayizisa kum, ndada ndatya kuko konke, ungekafiki wena, ndamtamsanqela ke? woba etanyusanqelwa kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wosikeleleka ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagubha kunene uIsake, wathi, Ndingubani na? Uphi na lo uzingele isilwanyana, wasizisa kum, ndatya yonke into engekafiki, ndamsikelela? ewe, woba nentsikelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wothuka wagubha uIsake. Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”