Genesis 27:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Asi ngenene na ukuba kubiziwe igama lake ngo‐Yakobi, endilumkisile lamaxesha mabini nje? ubuzibulo bam wandihluta bona, nanku ke kaloku endihlutile itamsanqeliswa lam. Waza wati: Akundibambelanga nalinye itamsanqeliso na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam;nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndathi, KunguYakobi na? ngokuba undenze kubini; ubususile ubukhulu bam; nanku ngoku nilithabathileyo. Wathi: Anindigcinelanga ntsikelelo na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uEsawu: “Sekukokwesibini eyenza le nto yokundidla izithende. Yiyo le nto negama lakhe linguYakobi. Kokwesibini ngoku endikhohlisa. Wathatha ilungelo lam lobuzibulo. Ngoku uthatha iintsikelelo zam. Tata, akundigcinelanga ntsikelelo konke na?”