Genesis 27:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula u‐Yisake wati ku‐Esau: Bona ke, ndimmisele abe yinkosi kuwe, nabo bonke abazalwana bake ndibanikile kuye babe zizicaka; ndimxasile ngenqolowa nangeveyine kanjalo: yinto nina ke kaloku endiya kuyenzela wena, nyana wam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibanike yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba ngukumkani wakho, nabakhuluwa bakhe ndibanike yena, baba ngabakhonzi; ndamthuthuzela ngengqolowa nangewayini; Kaloku ke, nyana wam, ndithini na ngawe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uIsake: “Sendimenze inkosi yakho, nezizalwane zakhe zaba zizicaka zakhe. Ndithe uya kuphila ngengqolowa newayini. Yintoni ke ngoko enokuba isasalele wena, mfo wam?”