Genesis 27:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Esau wamzonda u‐Yakobi ngenxa yetamsanqeliso abemtamsanqelisile ngalo uyise; wati ngoko u‐Esau entliziyweni yake: Iza kusondela imihla yokulilela ubawo, endiya kumbulala u‐Yakobi umninawe wam ngayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Isondele imihla yesijwili sikabawo; ndiya kumbulalela khona uYakobi umninawa wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yeentsikelelo awazifumana kuyise. Wadumzela wathi: “Iya kuze ifike yona imini yokuba angabikho utata; ndakuze ndimbulale uYakobi lo.”