Genesis 27:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Avakala ku‐Rebeka lamazwi ka‐Esau, unyana wake omkulu, waza watuma wambiza u‐Yakobi, unyana wake omncinane, wati kuye: Bona ke, u‐Esau umkuluwe wako uyazitutuzela pezu kwako, ukuba wokubulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uRebheka wawaxelelwa loo mazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela ukuba kubizwe uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu umkhuluwa wakho lowo ukuchukumisayo, uhleli ngokufuna ukubulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyixelelwa into ethethwe nguEsawu, uRabheka wabiza uYakobi, wathi kuye: “UEsawu ufuna ukukubulala.