Genesis 28:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wafika endaweni etile, walalisa kona, ilanga lise litshonile nje; waza watabata ematyeni alondawo, wabekela umqamelelo wake, walala ubutongo kwa kulondawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belithshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika kwenye indawo, walala khona, kuba belithshonile ilanga. Wathabatha kumatye kuloo ndawo, wawabeka emqamelweni wakhe, walala khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wafika ndaweni ithile, walalisa apho, kuba laliselitshonile ilanga. Uthathe ilitye, waqamela ngalo, walala.