Genesis 28:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
iti inzalo yako ibe njengotuli lwomhlaba; wauya kwanda ngasentshonalanga, nangasempumalanga, nangasenode, nangasesuyide: zaziya kutanyusanqelwa ngawe zonke izizalwane zomhlaba, nangayo inzalo yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye inzala yakho iya kuba njengothuli lomhlaba, yaye uya kusasazeka entshonalanga nasempuma nasemntla nasemzantsi; yaye ngenxa yakho nembewu yakho zonke izizukulwana zehlabathi ziya kuzisikelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inzala yakho iya kuba ngangentlabathi ubuninzi bayo. Yaye iya kuxanda, inabe kumacala onke. Zonke izizwe ziya kuthamsanqeliswa ngenxa yakho nenzala yakho.