Genesis 28:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo, bona ke, ndinawe, ndandiya kukugcina apo usukuba usiya kona, ndize ndikubuyisele kwa kwelilizwe; ngokuba ndingayi kukushiya, ndingekakwenzanga oko ndikutetile kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi na apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, andikwenzanga oko ndikuthethileyo kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kusoloko ndinawe, ndikukhusele naphi na apho uya khona, ndibuye ndikubuyisele kwakule ndawo. Andiyi kukushiya ndide ndizenze zonke izinto endizithembisileyo.”