Genesis 29:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, xeshekweni u‐Yakobi wambona u‐Rakele, intombi ka‐Labane umkuluwe wonina, nezimvu zika‐Labane umkuluwe wonina, wandula ukusondela u‐Yakobi, waqengqa ilitye emlonyeni wequla, waseza izimvu zika‐Labane umkuluwe wonina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe uYakobi akumbona uRakeli, intombi kaLabhan, nodade bonina, nempahla emfutshane kaLabhan, udade bonina, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayishiya impahla emfutshane kaLabhan, udade bonina nika amanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYakobi akubona uRakeli eqhuba imihlambi kaninalume uLabhan, waya kuliqengqa ilitye, wazipha amanzi iigusha.