Genesis 29:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yakobi wamxelela u‐Rakele ukuba ungumalamane kayise, nokuba ungunyana ka‐Rebeka. Wagidima ke, waxela kuyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka. Wagidima yena waxelela uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungudade boyise, nokuba ungunyana kaRebheka; wagidima waya kuxelela uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kuRakeli: “Ndiyazalana noyihlo; ndizalwa nguRabheka kaloku.” Wabaleka waya kuxelela uyise uRakeli;