Genesis 29:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wati u‐Labane ku‐Yakobi: Ukuba ungumalamane wam, unge undikonza ngoko na ngesisa? ndixelele, woba yinto nina umvuzo wako?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza negelize? Ndixelele umvuzo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungudade wethu na? khawutsho uzakuba yintoni umvuzo wakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uLabhan kuYakobi: “Akunako ukusebenza nje simahla apha kum ngenxa yokuba sizalana. Ufuna ndikunike malini?”