Genesis 29:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wamita u‐Leya, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Rubene; ngokuba ebesiti: Ngenyaniso uyehova ukangele imbandezelwa yam; kukona kaloku iya kunditanda indoda yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamitha ke uLeya wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen, ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam;inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamitha ke uLeya, wazala unyana, wathi igama lakhe nguRubhen; ngokuba wathi, uYehova uzibonile iintsizi zam; ngoku iya kundithanda indoda yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakhawula uLeya, wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi nguRubhen igama lakhe, kuba wayesithi: “UNdikhoyo ulubonile usizi lwam; ngoku ndiza kuthandwa ngumyeni wam.”