Genesis 29:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Ngokokuba uyehova evile ukuba ndiyatiywa, undinikile ngoko ke naló; waza wambiza ngegama elingu‐Simone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika nalo; wamthiya igama elinguSimon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya wamitha, wazala unyana; Wathi, uYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika lo nyana; Wamthiya igama elinguSimon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphinda wazala omnye umntwana oyinkwenkwe, wathi yena nguSimon, esithi: “UNdikhoyo undiphe lo mntwana ngenxa yokuba evile ukuba andithandwa.”