Genesis 29:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Kaloku nje indoda yam yozibandakanyela kum, ngokokuba ndimzalele onyana batatu; ngako wambiza ngegama elingu‐Levi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu;ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya wamitha, wazala unyana; Wathi, Ngoku indoda yam iya kundizeka, kuba ndizele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphinde wazala enye inkwenkwe, wathi le nguLevi, kuba wayesithi: “Ndiya kudityaniswa nendoda yam ngakumbi kuba ndizele amakhwenkwe amathathu.”