Genesis 3:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandul’ ukuti uyehova utixo enyokeni: Ngokokuba ukwenzile oku, uqalekisiwe wena pezu kwazo zonke inkomo, napezu kwazo zonke izilo zasendle; uya kuhamba ngesisu, utye utuli yonke imihla yokudla kwako ubomi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kweenkomo zonke, naphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zehlabathi; uya kuhamba ngomlomo wakho, udle uthuli yonke imihla yobomi bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uThixo uthe kuyo inyoka: “Ngenxa yesi senzo uqalekisiwe wena kuzo zonke izilo. Ukususela ngoku uya kurhubuluza ngesisu, utye uthuli bonke ubomi bakho.