Genesis 3:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kumfazi: Ndiya kwandisa kakulu usizi lwokumita kwako; uya kuzala abantwana ngosizi; kwoti ukukanuka kwako kube ngasendodeni yako, iti yona ikwongame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni; uya kuzala abantwana eneneni; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi kuloo mfazi: “Wena uza kuthwala ubunzima ngakumbi xa ukhulelwe, udliwe yinimba xa uzalayo. Noko kunjalo umyeni wakho ùya kumlangazelela, lo gama ayinkosi yakho.”