Genesis 3:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti ku‐Adame: Ngokokuba ubupulapula ilizwi lomfazi wako, watya kulomti ndabendikuyalela ngawo, ndisiti: Ungatyi kuwo; uqalekisiwe umhlaba ngenxa yako; uya kutya okwawo ngosizi yonke imihla yokudla kwako ubomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuAdam, Ekubeni uliphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Musa ukusidla kuwo; uqalekisiwe umhlaba; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe endodeni uThixo: “Wena uve umkakho, watya kumthi ebendithe kuwe uze ungatyi kuwo. Ngenxa yento oyenzileyo ke úqalekisiwe ngoku umhlaba. Ùya kusebenza nzima bonke ubomi bakho, ukuze umhlaba uvelise ukutya.