Genesis 3:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova utixo: Bona ke, umntu ude waba njengomnye wakuti, ukwazi okulungileyo nokukohlakeleyo; nakaloku, ukuze angoluli isandla sake, atabate nakumti wobomi, atye nokutya, ade apile kude kube ngunapakade:—
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi iNkosi uYehova: Yabonani, umntu ufana nomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; kwaye ngoku, xa akasolula isandla sakhe, wathabatha kuwo umthi wobomi, wadla kuwo, waza waphila ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke *uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?”