Genesis 3:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wamgxotela pandle umntu; wazimisa ngasempumalanga yomyezo wase‐Hedeni ikerubime, nesiṙele esibulangatye esijikajikayo, kuze kugcinwe indlela yawo umti wobomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wayindulula indoda; Wabeka iikerubhi ngasempumalanga yomyezo wase-Eden, nelangatye lekrele elijikajikayo, elijikajikayo, ukuba ligcine indlela eya emthini wobomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwicala elingasempumalanga lomyezo uThixo wabeka *izithunywa ezimaphiko nekrele elidangazelayo, elijika-jika lijonge kwiimbombo zonke. Zazilinde ukuba kungabikho bani usondelayo kumthi wobomi.