Genesis 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba esazi utixo, okokuba noti, mhlana nitya kuso, nandule nigabuke amehlo enu, naniya kuba njengotixo, nikwazi nje okulungileyo nokukohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba esazi uThixo ukuba, xa nithe nadla, oqabuka amehlo enu, nibe njengothixo, nazi okulungileyo nokubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.”