Genesis 3:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akubona umfazi ukuba umti lowo umnandi ukutyiwa, nokuba utandeka emehlweni, kwa umti onokukanukwa ukulumkisa, wandula watabata kwisiqa̔mo sawo, watya ke; wanika nendoda yake kunye naye, eyatya nayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, uyawakholisa amehlo, nokuba umthi onqwenelekayo ebubulumko, wathabatha isiqhamo sawo, wadla, wanika indoda yakhe; wadla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya.