Genesis 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ekubeteni kwempepo, baliva ilizwi likayehova utixo, ehamba emyezweni: baza u‐Adame nomfazi wake bazimela ubuso bukayehova utixo, pakati kwemiti yomyezo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baliva izwi likaYehova uThixo, ekuhambeni kwakhe emyezweni, kwakuba pholileyo; bazímela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho.