Genesis 30:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku akubona u‐Rakele ukuba akazali abantwana ku‐Yakobi, wandula u‐Rakele waba nomona ngakuye udade wake; wayesiti ku‐Yakobi: Ndinike abantwana; okanye ndiya kufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo. Wathi kuYakobi, Ndinike abantwana bam, hleze ndife.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URakeli wayengekazali mntwana wonke lo gama. Waba nobukhwele ngodade wabo, wavakala esithi kuYakobi: “Ndiphe abantwana; kungenjalo ndisuke ndife kunale nto.”