Genesis 30:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabe u‐Rubene esiya emihleni yokuvunwa kwenqolowa, wafumana idudai endle, weza nazo ku‐Leya unina. Waza wati u‐Rakele ku‐Leya: Zundipe kuzo idudai zonyana wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uRubhen ngemihla yokuvunwa kwengqolowa wafumana imithuma entsimini wayisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Ndinike ama-apile onyana wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kwakuvunwa ingqolowa, uRubhen wafumana imithuma yentando emasimini, wayisa kuLeya unina. URakeli wathi kuLeya: “Khawundiphe emithumeni leyo ifunyenwe ngumntwanakho.” ULeya wathi: