Genesis 30:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuye: Kuyinto encinane na ukuyisusa kwako indoda yam, okokuba uya kususa idudai zonyana wam nazo? Wati u‐Rakele: Kukona iya kulala nawe ngobubusuku ngenxa yedudai zonyana wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam? kwaye nawe ufuna ukususa ama-apile othando kunyana wam? Wathi uRakeli, Kungenxa yoko le nto úya kulala nawe ngobu busuku, ngenxa yama-apile onyana wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yho! Hleli nje, kanti akwanelanga kukuhlutha indoda yam! Ngoku selufun' ukundihlutha nemithuma le yomntwanam!” Wathi uRakeli: “Kanti ungalala naye ngokuhlwanje uYakobi, ukuba uyandipha.”