Genesis 30:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Leya wati: Utixo undibasele ngebaso elilungileyo; kaloku indoda yam iya kuhlala nam, ngokuba ndimzalele onyana batandatu; ngako wambiza ngegama elingu‐Zebulone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uLeya, uThixo undiphe isipho esilungileyo; ngoku indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu; wamthiya igama elinguZebhulon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “UThixo undiphe isipho esihle; umyeni wam kuya kunyanzeleka ukuba andixabise, ndizele amadoda amathandathu nje.” Wathi ke loo nkwenkwe nguZebhulon.