Genesis 30:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, xeshekweni u‐Rakele abemzele u‐Josefe, wati u‐Yakobi ku‐Labane: Ndindulule, ndize ndiye endaweni yakowetu, nasezweni lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndindulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, akuba ezelwe uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndindulule ndigoduke ezweni lakowethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kokuvela kukaJosefu, uYakobi wathi kuLabhan: “Ndikhulule, khon' ukuze ndibuyele kowethu.