Genesis 30:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Nali ikobokakazi lam u‐Bileha, ngena kuye; waeya kuzala pezu kwamadolo am, ndize ndizuze abantwana nam ngaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Khangela, uBhiliha, umkhonzazana wam, ungene kuye; kwaye uya kuzala emathangeni am, ukuze ndibe nabantwana kunye naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uRakeli: “Nanku uBhiliya impelesi yam; ungamngeni nje, andizalele umntwana, nowam umzi wande?”