Genesis 30:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndiya kucanda kuwo wonke umhlambi wako namhla nje, ndahlukanise kwa kona onke amatakane enamabala nenamasanaṙa, nawo onke amatakane amfusa pakati kwegusha, nawo anamasanaṙa nanamabala pakati kwebokwe; oba ngumvuzo wam anjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kucanda namhlanje phakathi kwemihlambi yakho yonke, ndikhethe khona zonke iinkomo neemazi zonke, neemazi zonke ezimdaka phakathi kweegusha neebhokhwe; kwaye lo uya kuba ngumvuzo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Namhlanje ndiza kuya phaya emhlambini, ndifike ndiwakhethe onke amatakane amnyama nazo zonke iibhokhwe ezingcitha. Kuphela komvuzo endiwufunayo ke lowo.