Genesis 30:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wahlukanisa kwa ngalomini zonke inkunzi zebokwe ezinala nezinamasanaṙa, nazo zonke imazi zebokwe ezinamabala nezinamasanaṙa, nazo zonke bebukuzo ubumhlope, nazo zonke ezimfusa pakati kwegusha, wazinikela esandleni sonyana bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazikhetha ngaloo mhla iinkunzi zeebhokhwe ezinemizila, nezirhwexu, nazo zonke iimazi zeebhokwe ezinakazi, nezirhwexukazi, zonke ezinobumhlophe, nazo zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, wazinikela esandleni soonyana bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazinyula ngaloo mini zonke izikhova ezingwevu nezingwevu, zonke izikhova ezingwevu nezingwevu, nazo zonke ezimhlophe phakathi kwazo, nezona zimfutshane phakathi kwezimvu, wazibeka esandleni soonyana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangaloo mhla uLabhan wazahlula emihlambini zonke iinkunzi zeebhokhwe ezingcitha, kwakunye nezeegusha ezimnyama. Wathi mazaluswe ngoonyana bakhe,