Genesis 30:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku akubona u‐Leya ukuba ute nqumama ekuzaleni, wandula watabata ikobokakazi lake u‐Zilipa, wamnika ku‐Yakobi abe ngumfazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku wabona uLeya ukuba uyazala, wathabatha uSilpa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uLeya akuziqonda ukuba akasazali, wanika uYakobi impelesi yakhe uZilipha ukuba ibe liqadi lakhe.