Genesis 31:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, ngexesha lokukaula kwemihlambi, ndapakamisa amehlo am, ndabona epupeni; kekaloku bona ke, inkunzi ezikwela pezu kwemazi zemihlambi zizezizinala, nezinamabala, nezingamaṙwexu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa iimazi zeenkomo zamitha, ndawaphakamisa amehlo am ndaza ndakhangela ephupheni, yaye ndabona iinkunzi zeegusha zigxalathelana emhlambini, zikhala, zikhala, yaye zikhala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngexesha ekwakukhwelwa iimazi ndaba nephupha: ndaphakamisa amehlo, ndabona iinkunzi zeebhokhwe ezazikhwela iimazi, zingcitha, zingcaka.