Genesis 31:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayisiti: Zupakamise amehlo ako, ubone; zonke inkunzi ezikwela pezu kwemazi zemihlambi zizezizinala, nezinamabala, nezingamaṙwexu: ngokuba ndikubonile konke u‐Labane akwenzele kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Khawuwamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi zezimvu ezalusayo zibhityile, zikhala, zincwine; ngokuba ndiyibonile yonke into ayenzayo uLabhan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sithe ke sona: ‘Phakamisa amehlo, ubone zonke iinkunzi zeebhokhwe ezikhwelayo zingcitha, zingcaka. Ndiyibonile yonke into akwenze yona uLabhan; kungoko ndisenza le nto.