Genesis 31:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bonke ubutyebi abuhlutileyo utixo kubawo wetu, bubobetu bona, nobonyana betu: ngako kaloku, konke akutshilo utixo kuwe kwenze ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko kuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwenze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba bonke ubutyebi awabuthabathayo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu; yenza ngoku konke uThixo akuthethileyo kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke seliyeyethu nabantwana bethu yonke loo nto uThixo asihluthele yona kutata. Yenza loo nto wena uThixo akuyalela yona.”