Genesis 31:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Labane wamfumana u‐Yakobi. Kekaloku u‐Yakobi ebemisile intente yake entabeni; wati ke no‐Labane wamisa eyake ndawonye nabazalwana bake entabeni ye‐Gileyadi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uLabhan wadibana noYakobi. uYakobi wayimisa intente yakhe phezu kwentaba, uLabhan nabazalwana bakhe bamisa entabeni yaseGiliyadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ULabhan wafika uYakobi emise kwezo nduli zeGiliyadi, waza yena namadoda awayehamba nawo wemisa kwalapho.