Genesis 31:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pofu kaloku, unxamele ukumka nje, ngokokuba ubulangazelela indlu kayihlo kakulu, kunganina ukuba ubi̔le otixo bam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke umke nje, ngokuba wawulangazelela indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyazi ukuba umkiswe kukukhumbula ikhaya, kodwa ke uyibele ntoni yona *imilonde-khaya yam?”