Genesis 31:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lowo ufumana naye otixo bako, makangabi sapila. Kwa pambi kwabazalwana betu kunakane okwako okukum, uze ukutabatele kuwe. Ngokuba ebengazi u‐Yakobi ukuba u‐Rakele ubebi̔le.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi.Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe.Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Kuba uYakobi wayengazi ukuba uRakeli uzibile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke ukuba kukho umntu apha onayo imilonde-khaya yakho, maze abulawe lowo. Ngoku sikhoyo sonke khangelani nantoni na eyeyenu, niyithathe.” UYakobi wayengazi ukuba imilonde-khaya kaLabhan ibiwe nguRakeli.