Genesis 31:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Rakele ebetabatile iterafi, wazibeka pakati kwempahla yenkamela, wahlala pezu kwazo. Waza u‐Labane wabenca intente yonke, kanti akazifumananga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uRakeli wayithabatha imifanekiso, wayifaka phakathi kwengubo yenkamela, wahlala phezu kwayo. uLabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URakeli wayeseleyithathile imilonde-khaya wayifaka engxoweni, wahlala phezu kwayo. Wakhangela wagqogqa yonke indawo uLabhan, akayifumana noko.