Genesis 31:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuyise: Makungaqumbiseki emehlweni enkosi yam, ukuba ndikohliwe kukusuka ebusweni bako; ngokuba isiko labafazi lipezu kwam. Wafunisa ke, kanti akazifumananga iterafi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, Nkosi yam, kuba ndingenako ukuma phambi kwakho; ngokuba ikum isidima sabafazi. Wagqogqa, akafumana mifanekiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URakeli uthe kuyise: “Akuyi kukhathazeka, mhlekazi, xa ndingasukumiyo. Kaloku ndiya exesheni.” Wagqogqa uLabhan, wabuya ze nalapho engayifumananga imilonde-khaya yakhe.