Genesis 31:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waqumba u‐Yakobi, wapika naye u‐Labane. Wapendula u‐Yakobi wati ku‐Labane: Siyinto nina isigqito sam? siyinto nina isono sam, ukuba unxamele kangaka ukundiputuma?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wacaphuka uYakobi, wamdubadubeka uLabhan. Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Buyintoni na ubugwenxa bam? Siyintoni na isono sam, ukuba undenze nzima kangaka?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYakobi wangcangcazela ngumsindo, wathi: “Uthi yintoni le imbi ndiyenzileyo? Mthetho wuphi lo ndiwaphuleyo ukugunyazisa ukuba uzingelane nam?