Genesis 31:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ekubeni uzibencile zonke impahla zam, kuyinto nina uyifumeneyo kuzo zonke impahla zendlu yako? Yibeke apa pambi kwabazalwana bam nabazalwana bako, ukuze balamle pakati kwetu sobabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ubuzifuna zonke izinto zam, wafumana ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? yibeke apha phambi kwamawethu, ukuze basigwebe sobabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kukho nto yendlu yakho oyifumeneyo apha wakugqiba ukugqogqa umzi wam? Yirhole ibonwe ngala madoda uhamba nawo nala am, khon' ukuze alathe oyena wonileyo: indim, inguwe.