Genesis 31:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunje nje ndibe ndiyiminyaka imashumi mabini endlwini yako: ndakukonza iminyaka yalishumi linemine ngenxa yentombi zako zombini, neminyaka yamitandatu ngenxa yomhlambi wako; wauguqule umvuzo wam ishumi lamaxesha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho;ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfuthsane; uwuguqule kalishumi umvuzo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaba minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yemfuyo yakho; uwuguqule kalishumi umvuzo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kule minyaka imashumi mabini ndinawe. Ndasebenza ishumi elinane leminyaka, ndifuna iintombi zakho. Ndabuya ndasebenza eminye emithandathu, ndisebenzela imfuyo. Kanti ke phezu koko uwuguqu-guqule kwada kwakalishumi umvuzo wam.