Genesis 31:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula u‐Labane wati ku‐Yakobi: Intombi ezi zintombi zam, nonyana aba bangonyana bam, nemihlambi le yimihlambi yam, nako konke ukubonayo kukokwam: kekaloku ndingenza nto nina kuzo ezintombi zam namhla nje, nakubo onyana bazo, abo zibazeleyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana azo ezibazeleyo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uLabhan wamphendula uYakobi, wathi, Ezi ntombi ziintombi zam, aba oonyana ngoonyana bam, amathokazi lawo ngamathokazi am, neento zonke ozibonayo zezam; Nanamhla oku ndingathini ngezi ntombi zam, nabantwana bazo ezibazeleyo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenje ukuphendula uLabhan: “Ziintombi zam ezi; naba bantwana bazo ngabam; nale mihlambi yeyam; nditsho yonke le nto ilapha. Kodwa ngenxa yokuba ndingenako ukubanqanda abantwana bam,