Genesis 31:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kubo: Ndiyabona ubuso boyihlo wenu, ukuba abungakum njengasexesheni lapambili; kodwa utixo kabawo usand’ ukubako nam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba akusanjengezolo nezolo elinye kum; kodwa uThixo kabawo wayenam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe kubo: “Ndiyabona ukuba uyihlo akasandithandi ngoku; ukanti uThixo kabawo ubesoloko enam.