Genesis 31:50 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba uya kubandezela intombi zam, nokuba uya kuzeka abafazi ngapezu kwentombi zam, noko angeko mntu nati, gqala ke, utixo ulinqi̔na pakati kwam nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Yabona, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba wathi uLabhan: “Ukuba ukhe wabaphatha kakubi abantwana bam, okanye wathatha bafazi bambi, nokuba andiyazanga loo nto, uzukhumbule ukuba uThixo usijongile.